求助PDF
{"title":"Uhlalutyo bunzululwazi ngokomxholo ochongiweyo kwingqokelela yesihobe sikaWelile Shasha ethi Umsila Wembulu","authors":"M. Diko","doi":"10.1080/02572117.2022.2132689","DOIUrl":null,"url":null,"abstract":"Olu phando lusebenzisa uphando ntyilazwi, lujolise ekugrombonceni isihobe sikaWelile Shasha kwingqokelela yakhe ethi Umsila Wembulu. Apha kweli phepha, eyona nkalo umphandi ajonge kuyo kukuchonga umbongo omnye ogxile kumxholo ongempilo, ze loo mxholo usetyenziswe ukusunduza nokugqwesisa iingxoxo bunzululwazi kuncwadi lwesiXhosa ezingena ncakasana nakwixesha langoku lentsholongwane yeCOVID-19. Isizathu esityhilizele eli phepha ekuchongeni umbongo omnye kukuminxiselwa kweentsingiselo kuwo ngendlela ethi yenze umbongo lo ube namandla xa lowo ethe wawupeculula. Lo mxholo uShasha abonga ngawo yinxalenye yemixholo ephambili kule mbalo yakhe. Into enyuswa lolu phando ngumba othi, uncwadi lwesiXhosa alubhityanga nakancinane ukuba lungangasetyenziswa ukuphalisa iingcingambono zentlalo, zempilo, zorhwebo, ukubalula nje ezimbalwa. Asikuko nokuba uncwadi lwesiXhosa olu luthelekiswa noncwadi lwasezizweni. Ekugqibeleni, umphandi unethemba lokuba iintsingiselo eziqhushekwe zade zancathama kulo mbongo kaShasha, ngokomxholo ochongiweyo, ziza kubhentsa ngokuphandle de ziqweqwedisele abanye abaphandi ekuthini babeke umnwe kuzo zonke iinkalo zentlalo kususelwa kwisiXhosa. Kulo msebenzi umphandi ulandela indlela ehlalutyayo, ephendlayo nephicothayo. Ukuqameza nokunqumlezisa iingxaki ezikhoyo ngalo mbandela, uphengululo loncwadi luya kusetyenziswa njengodondolo lokucacisa ubunto ngobunto bayo; ingxaki kunye nomsantsa okhoyo kwisiXhosa nakwimiba yesifo sesifuba. Abathandi, abafundi nootitshala besiXhosa baya kuba nethuba lokwazi ngezinye zeendlela ezikumgangatho ophezulu zokuhlalutya isihobe sesiXhosa, kodwa ke umfundi weli phepha angalindeli kufundiswa ngeendlela zokuhlalutya isihobe.","PeriodicalId":42604,"journal":{"name":"South African Journal of African Languages","volume":null,"pages":null},"PeriodicalIF":0.4000,"publicationDate":"2022-09-02","publicationTypes":"Journal Article","fieldsOfStudy":null,"isOpenAccess":false,"openAccessPdf":"","citationCount":"8","resultStr":null,"platform":"Semanticscholar","paperid":null,"PeriodicalName":"South African Journal of African Languages","FirstCategoryId":"1085","ListUrlMain":"https://doi.org/10.1080/02572117.2022.2132689","RegionNum":0,"RegionCategory":null,"ArticlePicture":[],"TitleCN":null,"AbstractTextCN":null,"PMCID":null,"EPubDate":"","PubModel":"","JCR":"0","JCRName":"LANGUAGE & LINGUISTICS","Score":null,"Total":0}
引用次数: 8
引用
批量引用
摘要
这一领域使用了一项军事调查,这导致了韦尔·沙沙收藏的名为“长城”的总部的倒塌。在本页上,主要成年人将选择另一个与健康背景相结合的主题,该主题用于推动和促进当前新冠肺炎科萨图书馆的科学对话。这个页面之所以选择一个对象,是为了在对象改进时以使其强大的方式移动转换。这个主题建议使用一块布作为前景色。这一领域提出的观点是,科萨的书并不局限于它可以用来根除社会、健康、贸易等。它与世界上的科萨图书馆不同。最后,这位农民希望,在所选主题的背景下,被点燃的电线将在Shasha区被打碎,并将被出售,直到其他房东解决了Xhosa带来的所有头痛问题。在这部作品中,成年人遵循他的游戏方式。为了解决和解决社区中的问题,该书的发行将被用作从性质上解释问题的一种手段;科萨和皮肤病的问题和速度。科萨号的爱好者、门徒和驱逐舰将有机会以其他方式学习科萨号潜艇的航行,但学生不会等待通过航行的方式来学习。
本文章由计算机程序翻译,如有差异,请以英文原文为准。
Uhlalutyo bunzululwazi ngokomxholo ochongiweyo kwingqokelela yesihobe sikaWelile Shasha ethi Umsila Wembulu
Olu phando lusebenzisa uphando ntyilazwi, lujolise ekugrombonceni isihobe sikaWelile Shasha kwingqokelela yakhe ethi Umsila Wembulu. Apha kweli phepha, eyona nkalo umphandi ajonge kuyo kukuchonga umbongo omnye ogxile kumxholo ongempilo, ze loo mxholo usetyenziswe ukusunduza nokugqwesisa iingxoxo bunzululwazi kuncwadi lwesiXhosa ezingena ncakasana nakwixesha langoku lentsholongwane yeCOVID-19. Isizathu esityhilizele eli phepha ekuchongeni umbongo omnye kukuminxiselwa kweentsingiselo kuwo ngendlela ethi yenze umbongo lo ube namandla xa lowo ethe wawupeculula. Lo mxholo uShasha abonga ngawo yinxalenye yemixholo ephambili kule mbalo yakhe. Into enyuswa lolu phando ngumba othi, uncwadi lwesiXhosa alubhityanga nakancinane ukuba lungangasetyenziswa ukuphalisa iingcingambono zentlalo, zempilo, zorhwebo, ukubalula nje ezimbalwa. Asikuko nokuba uncwadi lwesiXhosa olu luthelekiswa noncwadi lwasezizweni. Ekugqibeleni, umphandi unethemba lokuba iintsingiselo eziqhushekwe zade zancathama kulo mbongo kaShasha, ngokomxholo ochongiweyo, ziza kubhentsa ngokuphandle de ziqweqwedisele abanye abaphandi ekuthini babeke umnwe kuzo zonke iinkalo zentlalo kususelwa kwisiXhosa. Kulo msebenzi umphandi ulandela indlela ehlalutyayo, ephendlayo nephicothayo. Ukuqameza nokunqumlezisa iingxaki ezikhoyo ngalo mbandela, uphengululo loncwadi luya kusetyenziswa njengodondolo lokucacisa ubunto ngobunto bayo; ingxaki kunye nomsantsa okhoyo kwisiXhosa nakwimiba yesifo sesifuba. Abathandi, abafundi nootitshala besiXhosa baya kuba nethuba lokwazi ngezinye zeendlela ezikumgangatho ophezulu zokuhlalutya isihobe sesiXhosa, kodwa ke umfundi weli phepha angalindeli kufundiswa ngeendlela zokuhlalutya isihobe.